kwangosuku lokuzalwa wavele wamhle bade bath' abazali Nkosi kuhle
uzus'gcine simkhulise kakuhle kanti nosathana ecalen' uthi kuhle
indlela yam ndizoyenz' ibonakale intle
ahambe kuy' imfundiso zabazal' az'shiye
awafulathel' amasik' amlibale noTHIXO
uNobuhle
lomntwan' ukhulele kwiKhay' elicawayo
incwad' engcwel' ubehlel' esecaleni kwayo
ngokungalunganga obekwenz' ubes'fuman' isohlwayo
lont' imenze waqiqa waqhubelekq de wawagqiba onk' amabanga
laqaqamb' ikamva
eziny' intombi zelali bezinxila zisenz' izint' ezingalunganga
kodwa yen' ubengazifakanga lonto yenze wonk' umntu wamthanda
uNobuhle
wafik' eUniversity yaqal' ingxaki
wahlal' eRes wavana namany' amaGalz
ath' amfak' ezintweni kant' amkhuph' endlelen' amfak' ekufeni
waynxib' iCarvella neStomach out isisu savela
sasuk' isketyi emaqatheni sazohlal' entla kwasemadolweni
sasifutshane walibal' uba nengculazi ihleli ilinde kufutshane
ukuzokwenz' ubomi bomntu ongazikhathalelanga nabo bube bufutshane
uNobuhle
zahamb' intsuku way'libal' Bhaybhile
xa kuphel' inyanga wahlal' edakiwe
walibal' ub' iAssignments kufuneka zibhaliwe
wath' imali kaSugar daddy may'tyiwe
kwaqalwa kwathyolw' omakhelwane khathiw' uthakathiwe
uNobuhle
umntwana wakhe wokuqala wakheth' ukumbulala
owesbini wangumfana wamthumel' eKhaya
owesthathu wambulal' abazali bengazi
kodw' emehlweni kaThixo izandla zakhe zabe zigcwel'igazi
njenge Taxi estratwen' uSugar daddy wadlulela phambili
uNobuhle wasal' engaz' ubamakathini
kodwa kwabekungasekho ukuthini
ngob' ingulazi yaseyimthathe yamfaka ebhokisini
uNobuhle
Naw' usahlel' aph' umamele lombongo
khumbula manifika kweziUniversity nimamel' inkohliso zabahlobo
nilibale ngemfundiso zabazali nez'hlobo
nithi nina ngekhe nililind' ihlobo
iziketi ezimfutshane nizozinxib' ebusuku noba kusebusika
nilibal' ubakwaBabazal' abanithumel' aph' inimb' iyasika
nam' njengeMbongi ndingumntwana ndithanda ukuzidlalela ngosiba
ndiwabhale lamagama ndisaz' entliziyweni yakh' akho siziba
kodw' uzuwajonge lamagama ngoba kancinci kancinci
kulontliziyo AZOZIKA
Baxolele 'Baxola Majika' Majikijela
Another 1 from Tinana
No comments:
Post a Comment