Monday, November 29, 2010

Ubumnandi

Bobubumnand' obuza nezandi
xa sisithi iszam' ukungabuy' sel' amalahl' eDundee

Yilonto abanye bavele balahle
andithi sifun' izint' eziza kahle
emsebenzin' asifuni kuyobila
kodwa sihleli sisithi sifun' izint' ezibilayo
oku kungathi silibe' ub' umvuzo yint' esetyenzelwayo
kodwa ke singabe sathini ngoba kukhona ezizint' esizidlayo
ezingabangi mdla xa kufuneka sizidle
abant' abadal' bathi ngokubamnyama masizidle
ngoba neNgwe izidla ngamabala ayo
bobubumnand' esibufuna nangokuchith' iogazi
kwingculazi singabasasazi
sijike sithi besingaqondi futhi besingazi
zezinyemvbezi zikaVictoria esithi xa siziselile singahloniphi inyembezi zaba bantu abasizalayo negama lalo wasidalayo
Bobubumnand' obuza nezandi
xasisithi sizam' ukungabuysel' amalahl' eDundee

Original by: Baxola Majika Tinana

No comments:

Post a Comment