Monday, November 29, 2010

Umthandazo tha other

Izolo ebumnyameni besidlal' indize
sayek' ukuba zintyatyambo zesizwe
nob' iNgelosi zeZulu bezisibiza zange sive
ngoba besisalibele bubumnandi
singqishel' ezikasathan' izandi
emphefumlweni sikwenz' ukhubeke
sihamb' endleleni sikhubeke
siwe uth' asivuke ke
sime uth' asiqhubeke
ezwini lakh' uth' asithembele

Original by: Baxola Majika Tinana

Ubumnandi

Bobubumnand' obuza nezandi
xa sisithi iszam' ukungabuy' sel' amalahl' eDundee

Yilonto abanye bavele balahle
andithi sifun' izint' eziza kahle
emsebenzin' asifuni kuyobila
kodwa sihleli sisithi sifun' izint' ezibilayo
oku kungathi silibe' ub' umvuzo yint' esetyenzelwayo
kodwa ke singabe sathini ngoba kukhona ezizint' esizidlayo
ezingabangi mdla xa kufuneka sizidle
abant' abadal' bathi ngokubamnyama masizidle
ngoba neNgwe izidla ngamabala ayo
bobubumnand' esibufuna nangokuchith' iogazi
kwingculazi singabasasazi
sijike sithi besingaqondi futhi besingazi
zezinyemvbezi zikaVictoria esithi xa siziselile singahloniphi inyembezi zaba bantu abasizalayo negama lalo wasidalayo
Bobubumnand' obuza nezandi
xasisithi sizam' ukungabuysel' amalahl' eDundee

Original by: Baxola Majika Tinana

Wednesday, November 10, 2010

African Dream

when the sun rise in Africa so does hunger with its mother poverty
but hope does the exact opposite
Ethopia killed by endless droght leading
to limitless poverty and brutal mortality
malnutrritioned kids a apopu;ar site with all their heads
and stomachs oversized
is tha what you call a lilfe?

. . . . .just a sample . .


Original by: Baxola Majika Tinana